INCWADI YOKUFUNDISA YEKOMISHINI YENKONZO ZOLUNTU & NE-OFISI YEKOMISHINI YEENKONZO ZOLUNTU ngokuphathelele kwiGatya 14 lomThetho wokuPhucula ufikelelo kuLwazi, 2000 ( umThetho wesi-2 wowama-2000)
ISIQULATHO
Iinkcukacha zoqhagamshelwano zeGosa loLwazi
IsiKhokelo seKomishini yamaLungelo oluNtu yoMzantsi Afrika sokusebenzisa lo mthetho
Ukufikelela kwiirekhodi
Iinkonzo zembumba nomanyano lwesithili
Ukongamela kunye nokuvavanya
Ukubhengeza ngokuzithandela neerekhodi ezikho ngokuzenzekelayo
Inkqubo yokucela
Xa isicelo sinikwa okanye sisaliwa:
Umntu usenza njani isicelo sokufikelela kwirekhodi:
Intlawulo yemali/yomrhumo
Iinkonzo ezikho kuluntu nendlela yokufikelela kuzo
Iinkonzo
Ulufumana njani ufikelelo kwiinkonzo
Ulungiselelo lokuvumela ukubandakanyeka koluntu ekwenziweni komgaqo nemisebenzi eyenziwayo
Ukwazisa umgaqo nomthetho
Ukulungiswa okukhoyo ngokuphathelele kwizenzo okanye kwiintsilelo kumthetho
Iinkqubo zokuxela okanye zokulungiswa
Okunye ukulungiswa okunenkxaso
Umsebenzi wokuxela
Ukuhlaziywa kwencwadi yokufundisa
Ubukho bencwadi yokufundisa
Isicelo esiya kumphathiswa sokwenza incwadi enye yokufundisa
IKomishini yeeNkonzo zoluNtu (PSC) liziko loluntu elizimileyo kwaye elingenakhethe elamiselwa ngokuphathelele kwiGatya 196 lomGaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika, 1996. Umsebenzi nokuxhotyiswa kwePSC, kukuphanda, kukongamela nokuvavanya umbutho nolawulo lweNkonzo zoluNtu. Eli gunya likwaqulethe nokuvavanya iimpumelelo okanye ukusilela kweenkqubo zikaRhulumente. Kunxunyumaniswa namagunya angasentla iPSC inembophelelo yokuphucula amanyathelo ukuqinisekisa ukwenza okufanelekileyo nokulungileyo kwiNkonzo yoLuntu nokuphucula iinqobo ezisemgangathweni nemithetho-siseko yolawulo loluntu njengoko imiselwe kumGaqo-siSeko kwiNkonzo yoLuntu xa iyonke.
IKomishini ifumana amagunya kwigatya le-195 nele-196 lomGaqo-siseko, 1996. IGatya le-195 limisela iinqobo ezisemgangathweni nemithetho-siseko elawula ulawulo loluntu ekufuneka luphuculwe yiKomishini:
Umgangatho ophezulu weenqobo emikhwa esisekweni yobuchule/yobugcisa.
Ukusetyenziswa okufanelekileyo, okunoqoqosho nokusebenzayo kobutyebi.
Uphuhliso loqhelaniso nolawulo loluntu.
Iinkonzo kufuneka zibonelelwe ngokungenakhethe, ngobulungisa, ngokulingana nokungathathi cala.
Iimfuno zabantu kufuneka ziphendulwe kwaye uluntu kufuneka lukhuthazwe ukuba luthathe inxaxheba kukwenziwa komgaqo.
Ulawulo loluntu kufuneka lumelwe.
Ukucaca.
Ukwakha ulawulo lwemicimbi yabasebenzi kunye nokuphuhlisa iinkqubela-phambili zobomi.
Umelo lolawulo loluntu ngomsebenzi nemisebenzi yolawulo lwabasebenzi esekelwe kubuchule, kukungabi namtsalane bucala, kubulungisa nakwimfuno ypkulungisa ukungalingani kwexesha elidlulileyo.
Ngokuphathelele kwigatya le-196 lomGaqo-siseko, 1996, imisebenzi engundoqo namagunya eKomishini ngala:
Ukuphucula iinqobo ezisemgangathweni nemithetho-siseko yolawulo yoluntu emiselwe ligatya 195 lomGaqo-siSeko lweNkonzo yoLuntu xa iyonke.
Ukuphanda, ukongamela nokuvavanya umbutho, ulawulo, ukwenza kwabasebenzi beNkonzo zoLuntu, ingakumbi ukubambelela kwiinqobo ezisemgangathweni nemithetho-siseko emiselwe ligatya 195, kunye neenkqubo zeNkonzo yoLuntu.
Ukucebisa amalungu karhulumente esizwe nawamaphondo ngokuphathelele kwimisebenzi yabasebenzi.
Ukunika ingxelo ngokufunyanisiweyo nezindululo kanye ngonyaka ubuncinane kwindlu yowiso-mthetho yesizwe okanye yephondo njengoko kuyimfuneko.
Ukunika ingxelo ngemibandela yokuxhalaba yokusebenza kwangoko kwigosa elilawulayo elifanelekileyo..
Ukuphanda izikhalazo zabasebenzi nokucebisa ukulungiswa okufanelekileyo.
Imimandla yokusebenza enguNdoqo
Umsebenzi weKomishini wakhiwe ngokwale mimandla yokusebenza ilandelayo engundoqo:
Ukuphuculwa kwemithetho elawula ezimisebenzi
Uphando lolawulo loluntu
Imikhwa yobuchule esesikweni nokuPhononongwa iziko lemicimbi yabasebenzi
Ukongamela ulawulo
Ubunkokeli nokuphucula ukwenza
Ukunikezelwa kweeNkonzo nokuQinisekisa ubuLunga
Le mimandla icwangciswe kwiinkqubo ezimbini, ezizezi: Uphando nokuPhononongwa kwe-HR kunye nokoNgamela nokuVavanya.
Imvelaphi
IKomishini yamiselwa ngokuphathelele kwiGatya le-196 lomGaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika,1996. UmGaqo-siseko ufuna iKomishini yeNkonzo zoluNtu enye yeRiphabliki yoMzantsi Afrika enamalungu alishumi elinesine, amahlanu awo anyulwa nguMongameli ngokucetyiswa yindlu yomdibaniso weSizwe, ekubeni elinye ilungu lephondo ngalinye limiselwa yinkulumbuso. Ikomishini imele indlu yoWiso-mThetho yeSizwe apho kufuneka inike ingxelo kanye ngonyaka ubuncinane. Kufuneka kwakho inike ingxelo ngemisebenzi yayo kumaphondo , kwizindlu zowiso-mthetho zamaphondo.
Ukuhambisana nomgaqo-siseko ochazwe ngasentla i-PSC ineekomishina ezili-14: Ezi- 5 iikomishina zisePitoli enye ikomishini ihlala kwiphondo ngalinye. I-PSC ixhaswa yi-ofisi yeKomishini yeNkonzo zoluNtu (OPSC), entloko yayo inguMongameli-Jikelele, ( oligosa elinika ingxelo) one-ofisi eyintloko ePitoli ne-ofisi yesithile enye kwiphondo ngalinye. Ezi ofisi zisebenza njengesiseko seekomishina ezikumaphondo kwaye zilawulwa ngaboNgameli beziThili kunye nesitafu esincinane. Iindima ezizodwa nemimandla yokwenza engundoqo ichongelwe ii-ofisi zezithili.
Amalungu eKomishini anyulwa nguMongameli ukususela ngomhla woku-1 kuJanyuwari wowe-1999. Ukuqalisa ukusebenza ngokusesikweni kweKomishini kwalibaziseka kwade kwaba ngumhla woku-1 kuJulayi wowe-1999 ngenxa yobunzima bomthetho ngokuphathelele kwiingqiqo ezithile zomThetho woLungiso wemiThetho yeNkonzo yoluNtu, 1997.
Ngomhla woku-1 kuJulayi wowe-1999, uMthetho woLungiso lweNkonzo yoluNtu, 1997 negatya 15 lomThetho weIKomishini yeeNkonzo zoluNtu, 1997, nokupheliswa koMthetho wolawulo lwekomishini, 1984, lwenzeka kwaze kwabangela ukuba ikomishini isebenze ngokupheleleyo.
Amalungu
Njengoko kuyimfuneko uMongameli kufuneka onyule amalunga alishumi elinesine ekomishini. Amalungu amahlanu akwi-Ofisi eyintloko ePitoli aze alithoba abe kwiphondo ngalinye.
Aba balandelayo ngamalungu eKomishini:
Amiselwe yiNdlu yoWiso-mThetho yeSizwe;
Amiselwe ziziNdlu zoWiso-mThetho zamaPhondo:
Iindlela zokulawula
Isakhiwo sombutho we-PSC senziwe ngokwenjongo zobuchule kunye nemimandla yokusebenza.
Umsebenzi weKomishini wenziwe ngokwemimandla emithandathu njengoko kuchaziwe phantsi kwesihloko 1 ngasentla. Le mimandla yahlulwe kumaSebe emisebenzi emibini, ilelo linemimandla egqalisele kuyo emithathu. Amasebe emisebenzi emibini ixhaswa ziiNkonzo eziBumbeneyo kunye neSebe loDibano loMmandla ezinika iinkonzo zolawulo nenkxaso jikelele kumasebe emisebenzi emibini.
Eli Sebe linika ulawulo lwemali nolawulo jikelele, ulawulo lolungiselelo nolwabasebenzi; neenkonzo zolwazi lweteknoloji nonxibelelwano kunye nezinye iinkonzo zenkxaso ezisetyenziswa ekwenziweni komgaqo.
Isebe: UPhando nokuPhengululwa kweMicimbi yabaSebenzi - Injongo yeli sebe kukuba ikomishini ibe nako ukuphucula imicimbi yabasebenzi, nokuphicotha iincwadi zemali zolawulo loluntu nokuphanda nokuphucula imisebenzi echasene norhwaphilizo nokuphonononga ukuzalisekiswa kwemigaqo yemicimbi yabasebenzi kwiNkonzo yoluNtu.
ISebe: Ukongamela nokuvavanya -Injongo yeli sebe kukumisa imigangatho ephezulu yobunkokeli benkonzo zoluntu, ulwalulo olufanelekileyo nokuphucula ukuhyaznjiswa kweenkonzo ngokuthatha inxaxheba yoluntu.
IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO ZAMAGOSA OLWAZI NEZAMASEKELA
Ulwazi jikelele:
Umnxeba: 352-1000
Ifeksi: 325-8382
ISIKHOKELO SEKOMISHINI YAMALUNGELO OLUNTU YOMZANTSI AFRIKA SOKUSEBENZISA LO MTHETHO
Isikhokelo sendlela yokusebenzisa ukuphuculwa kokufikelela kuMthetho wolwazi, 200 ukho kwikomishini yamalungelo abantu baseMzantsi Afrika. Imibuzo ingabhekiswa:
KwiKomishini yamaLungelo oluNtu yoMzantsi Afrrika:
ICandelo loPhando nokuBhala kumaXwebhu
Idilesi yeposi:
Umnxeba: 011-484 8300
Ifeksi: 011 484 1360
UKUFIKELELA KWIIREKHODI
INKCAZELO YEMIXHOLO APHO I-PSC IGCINE IIREKHODI KUNYE NEENDIDI ZEEREKHODI EZIGCINE UMXHOLO NGAMNYE
Kwiinjongo zokuququzelela isicelo ngokuphathelele kumThetho, inkcazelo yemixholo apho i-PSC igcine iirekhodi kunye neendidi zeerekhodi ezigcine umxholo ngamnye zezi zilandelayo:
IiRekhodi zezindlu zokwabelana ngolwazi neenkomfa ekuyiwe kuzo ziiKomishina
UNxibelelwano neeNkonzo zoLwazi:
Incwadi yangaphakathi ethunyelwa amalungu ombutho othile neemagazini;
Nemizuzu yeentlanganiso zeCandelwana.
UPhuhliso noLawulo lweMicimbi yabaSebenzi:
Imigaqo-nkqubo yabasebenzi;
Iifayile zabasebenzi; kunye
Ukufumana nolungiselelo lwenkxaso:
Imigaqo yokufumana;
IRejista yeeMpahla zeSebe;
Amaxwebhu ethenda afunyenwe kubaxhobisi emva kokukhutshwa kwayo; kunye nezivumelwano nabaxhobisi.
Uhlahlo lwabiwo-mali
Uyilo lwesiCwangciso-qhinga;
Neengxelo zemali.
Uphando kuLawulo loluNtu kwimicimbi ephathelele kwi:
Uphicotho lwencwadi zemali kunye nophando kwimisebenzi yolawulo loluntu.
Ubuchulu ngeenqobo ezisesikweni kunye noPhengululo lweMicimbi yabaSebenzi ngokuphathelele:
Ukukhusela ukonakala kunye nokuhlola indlela ezithi inkqubo kunye nokusebenza kweziko lemicimbi yabasebenzi ethi isetyenziswe ngayo.
Ukuphuculwa kwemiThetho eLawula ezeMisebenzi kwizinto ezinxulumene noku:
Ukwandiswa kwemithetho elawula ezemisebenzi kwimicimbi yoluntu kunye nokusebenza kolawulo.
UKONGAMELA KUNYE NOKUVAVANYA
Ukunikezelwa kweNkonzo kunye nemicimbi ephathelele kuqinisekiso lomgangatho:
Ukukhuthaza unikezelo lwenkonzo ngokuthi uluntu lonke luthabathe inxaxheba kunye nokulandelwa kophicotho lwencwadi zemali.
Imicimbi yokuLawula enxulumene :
Ukuphuculwa kolawulo olufanelekileyo nokwandisa imisebenzi yolawulo
UKUBHENGEZA NGOKUZITHANDELA NEEREKHODI EZIKHO NGOKUZENZEKELAYO
IGatya 15 lweSaziso zokuBhengeza ngokuziThandela ngokuphathelele kwiindidi zeerekhodi zePSC/OPSC, ezikhoyo ngaphandle kokucelwa kokufikelelwa ngokuphathelele kwiinkqubo zokuPhuculwa kokuFikelela kumThetho woLwazi ziya kuhlaziywa kanye ngonyaka ubuncinane kwaye zipapashwe kwiGazethi kaRhulumente. Esi Saziso sikho kwiwebhusayithi yePSC, www.psc.gov.za. iSaziso sinika ukufikelela kuzo zonke iingxelo ezipapashiweyo kwaye zaziswa epalamente kunye nezinye iirekhodi zewebhusayithi yePSC ngaphandle kokuba umntu enze isicelo ngokuphathelele kuMthetho ochaziweyo.
Kufuneka kuqatshelwe ukuba ezinye iingxelo zamaphondo athile namasebe ezenziwa yiPSC zikho kumaphondo nakumasebe ahlukahlukeneyo. Ukongeza iNgxelo yoNyaka yePSC, iincwadi ezibhalelwe amalungu athile/iimagazini, izibhebgezo, iincwadana zifumaneka ngokuzenzekelayo kwiinkonzo zolwazi nonxibelelwano ngoMnumzana Ben De Villiers, kule dilesi Bend@opsc.gov.za, okanye kwifowuni 352-1059. Uluhlu olunzulu lwamaxwebhu afumaneka ngokulula iqulethwe kwiGatya 15 leSaziso ekubhekiselelwe kuso ngasentla.
INKQUBO YOKUCELA
Xa isicelo sinikwa okanye sisaliwa:
Umceli kufuneka anikwe ukufikelela kwirekhodi lombutho woluntu ukuba umceli uthobele oku kulandelayo -
umceli kufuneka athobele zonke iimfuno zenkqubo ezikuMthetho ezinxulumene nokufikelela kwelo rekhodi; kwaye ukufikelela kwelo rekhodi alaliwa akowesiphi isizathu sokwaliwa esichazwe kumThetho.
Umntu usenza njani isicelo sokufikelela kwirekhodi:
Umceli kufuneka asebenzise ifomu (ifomu A) eyapapashwa kwiGazethi kaRhulumente (iSaziso sikaRhulumente R187 somhla we- 15 kuFebruwari 2002).
Umceli kufuneka kwakho achaze ukuba umceli ufuna ikopi yerekhodi okanye umceli ufuna ukuza kujonga iirekhodi kwii-ofisi zombutho woluntu (PSC/OPSC). Okanye ukuba irekhodi alilophepha liluxwebhu, singaphononongwa kwifomu yesicelo apho kunokwenzeka.
Ukuba umntu ucela ukufikelela kwifomu ethile (umzekelo, ikopi yephepha, ikopi yombane njalo njalo) umceli kufuneka afumane ufikelelo kuloo fomu ngaphandle kokuba oko kwenziwayo kuya kuphazamisa ukusebenza kombutho woluntu obandakanyekayo (PSC/OPSC), okanye konakalise irekhodi, okanye kwaphule ilungelo lombhali elingelilo elikarhulumente. Ukuba ngezizathu ezibambekayo ufikelelo alunakunikwa kwifomu efunekayo kodwa lunikwa kwenye ifomu kwakufuneka kubalwe umrhumo ngokwendlela umceli aqale wacela ngayo.
Ukuba kongezwa kwimpendulo ebhaliweyo kwizicelo zabo zeerekhodi, apho umceli afuna ukuxelelwa malunga nesigqibo nokokuba kungayiphi enye indlela, umzekelo ngefowuni, oko kufuneka kuchazwe
Ukuba umceli ucela ulwazi egameni lomnye umntu, isikhundla ekwenziwa kuso isicelo kufuneka sichaziwe.
Ukuba umceli akakwazi kufunda okanye ukubhala, okanye unokukhubazeka isicelo serekhodi sinokwenziwa ngomlomo. Igosa lolwazi kufuneka agcwalise ifomu egameni lomceli kwaye amnike ikopi yefomu egcwalisiweyo.
Intlawulo ehlawulwayo
Kukho iintlobo ezimbini zemirhumo efuneka ihlawulwe ngokuphathelele kumThetho, eyile umrhumo wesicelo kunye nomrhumo/imali wokufikelelaThere (wokwazisa ngesigqibo esiphathelele ekunikweni kokufikelela).
Umceli ofuna ukufikelela kwirekhodi eliqulathe ulwazi lwakhe, loo mceli akufuneki ahlawule mrhumo/mali wesicelo. Ongomnye umceli kufuneka ehlawule umrhumo wesicelo ongama- R35 (ehlawulwa kwimibutho yoluntu).
Igosa lolwazi kufuneka lixelele ngesaziso umceli (ongengunye umnikazi wolwazi) ngemali emiselweyo ehlawulelwa isicelo esifunwayo ( ukuba kufuneka ihlawulwe) nediposithi ( ukuba ngaba iyafuneka) phambi kokuba kulungiswe isicelo.
Umceli angenza isibheno sangaphakathi apho kuyimfuneko okanye isicelo senkundla ukuchasa umnikelo wexabiso elithile okanye intlawulo yesicelo.
Emva kokuba igosa lolwazi lenze isigqibo ngesicelo, umceli kufuneka axelelwe ngesigqibo eso ngendlela umceli agfuna ukuxelelwa ngayo.
Ukuba isicelo sinikiwe enye imali yokufikelela kufuneka ihlawulwe ukuvelisa nokukhangela nokulungiselela naliphi ixesha elifunekayo elingaphezulu kweeyure ezibekelwe ukukhangela nokulungisa irekhodi yokubhengeza.
Ukufikelela kwirekhodi kuya kubanjwa ade umceli ahlawule yonke imali efunekayo.
Iinkonzo
Imisebenzi yePSC/OPSC, emiselwe kwisahluko 1 yeyokuba amaxumi bayo yindlu yomdibaniso nezindlu zowiso-mthetho zamaPhondo, amanye amasebe karhulumente kunye namaziko/imibutho yoluntu kwaye ayihambisi ngqo iinkonzo kuluntu. Nangona kunjalo olunye ulwazi malunga nenkonzo yoluntu, isimo senkonzo yoluntu kunye nophando kukwaneliswa kwabemi malunga neekonzo zikarhulumente zingafunyanwa kwiinkonzo zolwazi nonxibelelwano: Bend@opsc.gov.za. Uluntu lunokufikelela nakwinombolo yefowuni engahlawulelwayo echasene noorhwaphilizo yesizwe yenkonzo zoluntu (0800 701 701), egcinwa kwaye elawulwa yiPSC.
Ulufumana njani ufikelelo kwiinkonzo
UMlawuli-Jikelele weKomishini weNkonzo yoluNtu
Idilesi yokuposa:
Idilesi yesitalato:
Ifeksi: 325-8379
ULUNGISELELO LOKUVUMELA UKUBANDAKANYEKA KOLUNTU EKWENZIWENI KOMGAQO-NKQUBO NEMISEBENZI EYENZIWAYO
Ukwazisa uMgaqo-Nkqubo nomThetho
I-PSC yongamela kwaye ivavanya iinkqubo zenkonzo zoluntu ngenjongo yokunika uncedo kuze apho kuyimfuneko yenze uphando ukufumanisa niindlela zokuhanjiswa kweenkonzo kwiinkonzo zoluntu. Nangona iPSC ingabandakanyekanga ngqo ekwenziweni komgaqo-nkqubo ihambisana negunya layo lokongamela nokuvavanya ubulunga bolawulo nokuhanjiswa kweenkonzo, inika uluntu ukuba ithuba lokubhekisa ilizwi kwindlela elifuna imigaqo yakhiwe ngayo ngokucebisana koluntu neenkqubo zohlolo zokwenza ezidwelisiwe ngasezantsi.
Uphando olwanelisayo lommi ukuvavanya ukufaneleka kokuhanjiswa kwenkonzo ukusuka kumbono wabemi abangabasebenzisi benkonzo ethile;
Imibutho yabemi esebenzisa iimethodi zokuthatha inxaxheba ebongoza iingcebiso kubantu ngendlela yokuphuculwa kweziphumo zeenkqubo zikarhulumente;
uhlolo lokwenza kombutho nokwakhiwa ukunika iintloko zamasebe nobunkokeli bezopolitiko icebo lokuba le mimandla mibini ingaphuculwa njani; kunye inkqubo neendlela zokuvavanya eziquka uhlolo olunzulu lokufaneleka kweenkqubo noxokelelwano; ukufaneleka nokusebenza kwenkqubo neendlela nolungiselelo nokwenziwa kwenkqubo/iindlela
I-PSC yenza uphando olwahlukeneyo ukuya kutsho ekunikeni iingxelo esaziswa kwiNdlu yoWiso-mThetho yeSizwe, kwiziNdlu zoWiso-mThetho zamaPhondo. Ezi ngxelo zazisa inkqubo yokwenza umgaqo-nkqubo nomthetho.
Apho kungayimfuneko i-PSC ize nemithetho okanye izikhokelo ezinokunceda ukuphucula ulawulo kunye/okanye ukuhanjiswa kweenkonzo kwiinkonzo zoluntu. Ngamanye amaxesha imithetho ekhoyo nezikhokelo/imigaqo-nkqubo iyaphononongwa ukuhambelana neenguquko zomsebenzi/zesakhiwo kwinkonzo yoluntu
UKULUNGISWA OKUKHOYO NGOKUPHATHELELE KWIZENZO OKANYE KWIINTSILELO KUMTHETHO
Iinkqubo zokuxela okanye zokulungisa
Ukulungisa ngokuphathelele kwizenzo okanye intsilelo kwisenzo ngokuphathelele kumThetho woPhuculo wokuFikelela kuLwazi: Igosa lesibheno sangaphakathi kwiinjongo zalo mthetho nguSihlalo weKomishini yeeNkonzo zoluNtu ( amagatya 74-77). Emva kokuphelisa ukulungiswa kwesibheno sangaphakathi umceli angafaka isikhalazo enkundleni ( amagatya 78-82).
Umsebenzi weenkonzo zoluntu angafaka isikhalazo sokuba kuphandwe yiKomishini yeeNkonzo zoluNtu ngokuphathelele kwisenzo saseburhulumenteni okanye ukushiywa igatya lama-35 lomThetho weeNkonzo zoluNtu, 1994. Imithetho kwindlela yokufaka izikhalazo ipapashwe kwigazethi kaRhulumente 23635 yomhla we- 19 Julayi yowama-2002.
Umntu unokusebenzisa ukulungiswa kwemisebenzi ngokuphathelele kwizenzo zaseburhulumenteni okanye okanye ukushiya isimo somsebenzi, okoko kukuthi amalungelo empikiswano (umThetho weeNkonzo zoluNtu, 1994 umThetho weMicimbi yemiSebenzi, 1995);
Umntu angafaka isikhalazo kumhloli wemisebenzi ngokuphathelele nakokuphi ukwaphulwa okubangwayo kweeMeko ezisisiSeko zomThetho weNgqesho, 1997 Umthetho wama- 75 wowe-1997 - igatya 781a, okanye umThetho wobuLungisa kwiNgqesho t, 1998 Umthetho wama- 55 wowe-1998 - igatya 34e.
Umntu akafaka isikhalazo kuMkhuseli woluNtu ngokuphathelele kwisenzo saseburhulumenteni esingafanelekanga okanye esikrokrelwa ukuba asikho mthethweni okanye ukushiywa umthetho womGaqo-siSeko nowoMkhuseli woluNtu, 1994, umThetho wama- 23 wowe- 1994.
Umntu angafaka isikhalazo kwiKomishini yamaLungelo oluNtu yoMzantsi Afrika ngokuphathelele kwisenzo saseburhulumenteni okanye ukushiywa esirhanelwa ngokuba saphalwe okanye sisongela naliphi ilungelo elisisiseko umThetho wamaLungelo oluNtu, 1994 umThetho wama-54 wowe-1994.
Ukuze ukhuselwe kwimpindezelo ngenxa yokubhengeza isimo esingafanelekanga okanye esingekho mthethweni somqeshi okanye umseebezni ongumlingane, loo mntu ubandakanyekayo kufuneka elandele iinkqubo zomThetho woKhuselo kuBhengezo, 2000 (Umthetho wama- 26 wowama- 2000).
Ukusetyenziswa kokunye ukulungiswa okusemthethweni okufana neziko leenkqubo zokuphononongwa kobulungisa besenzo zolawulo ngokuphathelele kumThetho wokuPhucula woLawulo lobuLungisa, 2000 (umThetho wesi- 3 wowama- 2000).
Olunye ulungiso oluxhasayo
Umntu angacela izizathu zesenzo solawulo ngokuphathelele kumThetho woPhuculo woLawulo lobuLungisa , 2000 (igatya 5).
Umntu angacela ukufikelela kwiirekhodi zesebe likarhulumente okanye zomnye umbutho woluntu ngokuphathelele kumThetho woPhuculo wokuFikelela kuLwazi, 2000 (igatya 11).
Umsebenzi wokuxela
Umsebenzi wenkonzo yoluntu kufuneka ngexesha lakhe lomsebenzi wasemthethweni azibophelele kwiKhowudi yokuziPhatha wyabasebenzi benkonzo yoluntu kwaye axelele amagosa afanelekileyo ngobuqhophololo, urhwaphilizo, ukukhetha izalamane ekwabeleni uncedo xa umntu esemagunyeni, ukungalawuli ngokufanelekileyo okanye nasiphi isenzo esikhubekisayo esinokonakalisa umdla woluntu. Umsebenzi osilelayo nokuthobela oku unetyala lokungaziphathi kakuhle. ( umThetho B.3 no- C.4.10 wesahluko 2 semiThetho yeNkonzo yoluNtu, 2001).
Imfanelo yomqeshi ngamnye kunye nomsebenzi kukwazisa isimo solwaphulo-mthetho kunye nasiphi isimo sokungaziphathi ngokufanelekileyo emsebenzini esisekelwe kumThetho woKhuselo lokuBhengeza, 2000 (KwiNtshayelelo).
UKUHLAZIYWA KWENCWADI YOKUFUNDISA
Ukuba kuyimfuneko i-PSC/OPSC iya kuhlaziya kwaye ipapashe incwadi yayo yokufundisa ngokubhekiselele kwigatyana legatya 14, kwizithuba ezingekho ngaphezulu kunonyaka.
UBUKHO BENCWADI YOKUFUNDISA
ISICELO ESIYA KUMPHATHISWA SOKWENZA INCWADI ENYE YOKUFUNDISA
